Abanini bepropati bathi banikwe ithuba leentsuku ezingama-60 ukuba bangenise izichaso zabo kuqingqo-maxabiso apho abacinga ukuba lwenziwe gwenxa. Ithuba lohlolo loluntu nelezichaso liya kuthi liqalise ngomhla wama-22 Februwari 2010 kwaye liphele ngowama-
Epreli 2010. Izichaso kufuneke zijoliswe kwipropati ethile, kwaye azinakho ukuba zingeniswe ngokuchasene noluhlu loqingqo-maxabiso lulonke. Kokuphi okuqulathwe sisichaso? Izichaso zingangeniswa ngokuphathelene nayo nayiphina ingcaciso ebonakalisiweyo kuluhlu loqingqo-maxabiso. Izichaso ezingeniswe ngokuchasene nengcaciso ekucingeleka ukuba ayigqibelelanga/bubuxoki, kufuneka kubekho ubungqina boko. Into isemagxeni komchasi lowo ukuba eze nobungqina bokuba uphengululo lamaxabiso ngokwasemakethi lwenziwe gwenxa/ngempazamo. Ukufaniswa koqingqo-maxabiso kunye nolunye uqingqo-maxabiso olukufutshane oko akuthethi ukuba lenziwe ngempazamo. Izichaso ezingeniswe ngokuphathelene nengcaciso eyimpazamo ngokwezolawulo (umzekelo igama elingelilo lomnini, idilesi yendawo) iya kuthi kwangoko igqithiselwe kumasebe afanelekileyo kwisiXeko ukuba kwenziwe uphando kwaye kulungise impazamo leyo. Kufuneka kuqatshelwe ukuba ukungoneliseki ngesixa-mali/ngentlawulo ekufuneka usihlawule/usirhumile oko akuthi kubesisichaso. Isichaso singangeniswa ngokuchasene nengcaciso ebonakaliswe kuluhlu loqingqo-maxabiso. Makungeniswe ifomu yesichaso eyodwa kwipropati nganye. Ezi fomu zezichaso ezilandelayo azisayi kuhoywa:
Iifomu ezingagqitywanga ukugcwaliswa
Izichaso ezingacacanga - ezijoliswe kwimibandela engadibaniyo
Izichaso ezingeniswe emva komhla omiselweyo
Ngokuthi uzingenise ngokunokwakho kwenye yeendawo zohlolo loluntu ezili-18, apho iinkcukacha zoku ziqhotyoshelwe kule mbalelwano. Amagosa aqeqeshiweyo aya kuthi ancedisane nabanini beepropati kwezi ndawo sele zikhanaknyiwe.
Ungenza isicelo sokuba mawu-imeyilelwe ifomu le yesichaso. Izicelo ezilolu hlobo kufuneka zijoliswe kwa valuationsobjection@capetown.gov.za - 'Subject: GV2009 objection form required'. Nceda ubhale inombolo yesalathiso yoqingqo-maxabiso lwepropati leyo kwi-imeyile yakho. Kwenzeka ntoni ukuba idilesi yam kwisaziso soqingqo-maxabiso, ayikho okanye ibhalwe ngendlela engeyiyo? Ingaba oku kuthetha ukuba kuye kwaqingqwa ixabiso lepropati engeyiyo? Idilesi yepropati ayisetyenziselwa ukuqaphela ipropati ukuba iqingqwe ixabiso layo. Inkcazelo ngokusemthethweni (njengoko ibhalisiwe kwi-Ofisi yeNtengiso yeepropati) iye isetyenziswe ukuze kuqinisekiswe ngendawo ekuyo ipropati leyo. Ndazi kanjani ukuba isichaso sam siye sabhaliswa kuvimba ongeenkcukacha zoqingqo-maxabiso? Kuya kuthi kukhutshwe isaziso esisemthethweni sesiqinisekiso sokufumaneka kwesichaso ngasinye. Sisaziso sesiqinisekiso sokufumaneka kwesichaso esiya kuthi samkelwe yi-ofisi yoqingqo-maxabiso, kwaye kufuneka kusetyenziswe sona xa unemibuzo ngokumalunga nesichaso eso sakho. Izichaso ezingeniswe kwenye yeendawo zohlolo ezili-18, kuya kuthi kwenziwe iziqinisekiso zokufumaneka kwazo, nje ukuba zifumaneke. Nceda uqinisekise ukuba usifumene isiqinisekiso sokufumaneka kwesichaso sakho phambi kokuba uyishiye indawo yohlolo. Izaziso zeziqinisekiso zokufumaneka kwezichaso ezingeniswe nge-feksi nange-imeyile ziya kuthi zithunyelwe ngeposi. Nceda wenze uphando ngesichaso sakho kwii-ofisi zethu phambi kokuba kuvalwe ngomhla wama-30 Epreli 2010 ukuba uthe awasifumana isiqinisekiso sokufumaneka kwesichaso sakho. Kuye kwenzeke ntoni emva kokuba ndingenise isichaso sam? Isichaso siya kuthi singeniswe kumqingqi-maxabiso/kwigosa lezolawulo ngokuxhomekeke kuhlobo lwesichaso eso singenisiweyo. UMqingqi-maxabiso kaMasipala uya kuthi asihlole isichaso eso kwaye athabathe isigqibo, apho siya kuthi singeniswe kwiSebe lezeNgeniso ukuze kulungiswe i-akhawunti leyo. Kufuneka kuqatshelwe ukuba isigqibo ngokumalunga nesichaso eso siya kuthi sibengumphumela wokuhla okanye ukunyuka koqingqo-maxabiso elo lokuqala. Uya kuthi waziswe ngesi sigqibo ngendlela yembalelwano. Kuye kwenzeke ntoni ukuba andonelisekanga sisigqibo eso? Unelungelo lokubhena ngokuchasene nesigqibo soMqingqi-maxabiso kaMasipala ngokumalunga nesichaso sakho ukuba unenkolelo yokuba unobungqina obubambekayo ngokubhekiselele kwisibheno eso sakho. Isibheno eso siya kuthi sichotshelwe yibhodi yezibheno ezimeleyo. Ingcaciso ngokumalunga nokungeniswa kwesibheno iya kuthi iqhotyoshelwe kwisaziso sesigqibo ngesichaso eso esiya kuthi sifumaneke ngeposi. Ndiya kuthi ndiqalise nini ukuhlawula iintlawulo zobuhlali ezibalwe ngokoqingqo-maxabiso olutsha?
